IApp yeAyoba Yokuthumela Umyalezo Ngokukhawuleza (FAQ)

Qala / Ukuqala

Inkxaso

Ukuba ufuna uncedo okanye ufuna ukuqhagamshelana neqela le-Ayoba, nceda uye ku Ayoba.me/contact

Ndiyifumana phi?

Ndingayifumana njani i-Ayoba?

Unokutyelela i i-website ye-Ayoba ufumane i-app nangeliphi ixesha. Ukuba ungumsebenzisi we-MTN uyakuyifunama i-Ayoba mahala, ngaphandle kokusebenzisa i-datha yakho.

  • iGoogle Play Store

Ungayifunama i-Ayoba kwi-Google Play Store. vula i-Play Store, khangela i-Ayoba  ukuze uqale ukusebenzisa i-Ayoba.

Ndiyifumana njani i-Ayoba?

Ayoba ingahlaziywa ku-Google Play okanye,  

I-Ayoba App okwangoku ifumaneka kuphela kwiifowuni ze-Android (ezinye iinguqu ziza kubakho kungekudala!). Ukuhlaziya, iya kwi-Google Play Store, uze ucofe Imenyu> Iiapp zam kunye nemidlalo. Cofa u-UPDATE kufuphi ne-Ayoba! Imiyalezo ethumeleka ngokukhawuleza mahala.

Ngenye indlela, yiya ku-Play Store uze ukhangele i-Ayoba. Cofa u-UPDATE phantsi kwe-Ayoba! Imiyalezo ethumeleka ngokukhawuleza mahala.

Kwi website ye-Ayoba

Unokuhlaziya kwakhona i-app yakho ye-Ayoba kwi website yethu, tyelela u-Ayoba.me/download

Ndingayifaka kwakhona njani i-Ayoba?

Ukuze ufake kwakhona i-Ayoba, kufuneka uqale uyidilithe kwifowuni yakho. Ngaphambi kokuba wenze njalo, sicebisa ukuba ugcine iingxoxo zakho. Cofa nje kwiqhosha lemenyu, uze ukhethe isethingi, uze ucofe kwisigcino-mgangatho ukhethe i-Backup Chat.

Oku kuza kuzakugcina iingxoxo zakho kwi-Cloud, kwaye kukuvumela ukuba ubuyisele imbali yakho yengxoxo xa kufuneka. Qaphela ukuba iifayile zakho ezigciniweyo azigcinwa kwindawo yakho kumxeba yakho, kwaye ngoko uya kufuna ukufikelela kwi-inthanethi ukwenza i-backup.

Nceda ulandele ezizitepu ukucima nokubuyisela i-Ayoba

Ukhetho 1:

  • Cofa kwaye ubambe uphawu lwe-Ayoba kwiSkrini saseKhaya de iifayile ziqale ukushukuma
  • Cofa uX ekoneni kuphawu lwe-Ayoba
  • Cofa ucime ukususa isicelo kunye nayo yonke idatha yayo
  • Cinezela iqhosha lasekhaya
  • Phinda ufumane i-Ayoba ku-Google Play Store.
  • Buyisela incoko zakho ezigciniweyo ngokucofa iqhosha le menu, ukhethe isethingi, uze ucofe kwisigcini-mgangatho ukuze ukhethe I-Backup Chat, kwaye ubuyisele.
  • Unokundwendwela kwi-website ye-Ayoba ukukhuphela i-app uyibuyisele nanini. Ukuba ungumsebenzisi we-MTN uyakwazi ukukhuphela i-Ayoba mahala*, ngaphandle kokusebenzisa i-datha yakho.

*Ngethuba lokunyusela

Ukhetho 2:

  • Cofa kwaye ubambe uphawu lwe-Ayoba kwiskrini saseKhaya ude ubone umgqomo okanye indawo yokulahla
  • Khetha ukukhupha ukuqinisekisa ukucinywa nokususwa kwesicelo kunye nayo yonke idatha yayo
  • Cinezela iqhosha lasekhaya
  • Phinda ufumane i-Ayoba ku-Google Play Store.
  • Buyisela incoko zakho ezigciniweyo ngokucofa iqhosha le menu, ukhethe isethingi, uze ucofe kwisigcini-mgangatho ukuze ukhethe I-Backup Chat, kwaye ubuyisele.
  • Unokundwendwela kwi-website ye-Ayoba ufuname i-app nanini. Ukuba ungumsebenzisi we-MTN uyakwazi ukukhuphela i-Ayoba mahala*, ngaphandle kokusebenzisa i-datha yakho

*Ngethuba lokunyusela

Ukuqinisekiswa

Ndingayiqinisekisa njani inombolo yam?

Emva kokukhuphela i-app,vula kwaye ulandele ezistepu:

  1. Faka igama lakho elipheleleyo
  2. Khetha ilizwe lakho kuluhlu oluhlayo. Oku kuza uzalisa ngokuzenzekelayo ikhowudi yelizwe lakho yenombolo yomnxeba

  1. Faka inombolo yakho yomnxeba kwibhokisi engezantsi
  2. Cofa uqinisekisa ukuba ucele ikhowudi
  3. Faka ikhowudi engamanani ayi-6 oyifumana ngeSMS

Andikhange ndifumane ikhowudi enamanani ayi-6 nge-SMS  

  • Lindela ixesha lokubala uze ukhethe Thumela i-SMS kwakhona.
  • Musa ukuqashisa ikhowudi, okanye uya kukhutshwa kwi-akhawunti yakho ixesha elide. Lo mqathango ngowokukhusela i-akhawunti yakho ukuba ingangenwa ngomnye umntu.

Ukuba uyaqhubeka ukusokola, nceda uzame okulandelayo:

  • Qala ngokutsha ifowuni yakho (Ukuqalisa kwakhona ifowuni yakho, yicime, ulinde imizuzwana engama-30, kwaye uphinde uyivule).
  • Cima uphinde ubuyisele ushicelelo olutsha luka-Ayoba.

Ingaba ndingasebenzisa i-Ayoba kwizixhobo ezimbini?

I-akhawunti yakho ye-Ayoba ingaqinisekiswa ngenombolo enye kwisixhobo esinye. Ukuba unefowuni engena iSIM khadi ezimbini, nceda uqaphele ukuba ukukhetha enye inombolo ukuba uqinisekise kwi-Ayoba. Akukho khetho lokuba ne-akhawunti ye-Ayoba ngeenombolo ezimbini zomnxeba.

Ingaba kufuneka ndibhalise kwakhona xa ndibuyisela le-app?

Hayi. Konke okufuneka ukwenze kukukhuphela i-Ayoba kwi-Google Play Store kwakhona okanye ukusuka ku-Ayoba.me/download. Faka igama lakho, ukhethe ilizwe lakho kwimenyu ehlayo, faka inombolo yakho yomnxeba uze ukhethe ukuqinisekisa.

Qaphela: ukuba wakhe wagcina imbali yengxoxo yakho ngaphambili ngaphambi kokuba ususe i-app kwaye uyifake kwakhona, imbali yakho yengxoxo iza kubuyiselwa ngokuzenzekelayo.

Ukusebenzisa U-Ayoba

Ulawulo lwe-akhawunti kunye neProfayile

Ndiwufaka, okanye ndiwuhlaziya njani umfanekiso wam weprofayile?

Ukuba awukawukhethi umfanekiso weprofayile:

  1. Vula imenyu phezulu kwicala lasekunene kwi-app
  2. Cofa uphawu lokuhlela
  3. Cofa umfanekiso weprofayile > uphawu lwekhamera
  4. Khetha umfanekiso kwigalari yakho ozakuwusebenzisa njengomfanekiso weprofayile yakho

Ukuba sowunawo umfanekiso weprofayile e:

  1. Vula imenyu phezulu kwicala lasekunene kwi-app
  2. Cofa kumfanekiso wakho weprofayile okanye kuphawu lokuhlela
  3. Ukuba ukhetha uphawu lokuhlela, cofa kumfanekiso wakho weprofayile > uphawu lwekhamera
  4. Khetha umfanekiso kwigalari yakho ukuza ukutshintshe umfanikiso wakho weprofayile okhoyo.

Ndiyakwazi ukuhlaziya igama lam lemboniso?

  • Vula imenyu phezulu kwicala lasekunene kwi-app
  1. Cofa igama lakho lomboniso okanye uphawu lokuhlela uze uhlele okanye wangeze igama lakho lomboniso

Ndingasifaka njani okanye ndisihlaziye njani istatus sam?

  1. Vula imenyu phezulu kwicala lasekunene kwi-app
  2. Cofa kwistatus sakho okanye kuphawu lokuhlela
  3. Faka istatus esitsha kwaye ukhethe uphawu lwetiki ukuqinisekisa, okanye ukhethe istatus kuluhlu lwezistatus zangaphambili.

Qaphela: ukuba ublokha inombolo, loo mntu akayi kukwazi ukubona umfanekiso wakho weprofayile okanye istatus esifakiweyo.

Ndingayicima njani i-akhawunti yam?

Kukho amanyathelo ambalwa alula onowalandela ukuba ufuna ukucima i-akhawunti yakho. Qaphela ukuba le nkqubo ayikwazi ukuguqulwa/kutshintshwa ngaphantsi nakweziphi iimeko, naliqela le-Ayoba, ngoko nceda uqiniseke ukuba le nto ufuna ukuyenza.

Landela lamanyathelo mane

  1. Vula i-app ye-Ayoba
  2. Vula imenyu phezulu kwicala lasekunene kwi-app
  3. Isethingi eziphezulu > Umgcini-mgangatho > Cima i-akhawunti yakho
  4. Qinisekisa ngokucinezela u-OK

Ukucima i-akhawunti yakho kuza:

  • Kucima i-akhawunti yakho ye-Ayoba naphakade
  • Kuza kucima imbali yakho yemiyalezo
  • Ngokukhawuleza uzakusuka kuwo onke amaqela akho e-Ayoba

Ezinye izinto ezibalulekileyo ekufuneka uziqaphele

  • Awuzokukwazi ukufikelela kwi-akhawunti yakho
  • Ukucima i-akhawunti yakho ayichaphazeli ulwazi lwabanye abasebenzisi abathethayo nawe, njengekopi yabo yemiyalezo oyithumeleyo
  • Iikopi zezinto ezithile (umz. iirekodi zengxelo) ziza kuhlala kwiziko lethu kodwa azizokuba negama lakho.

Ndingayisebenzisa i-Ayoba kwifowuni yam entsha?

Ukuba usuka kwelinye uhlobo lwefowuni uya kwelinye, kwaye ugcina inombolo yakho, uya kugcina ulwazi lwe-akhawunti yakho. Ulwazi lwakho lwe-akhawunti lubophelelwe kwinombolo yomnxeba i. Kuphela nje i-Ayoba kwifowuni entsha kwaye uqinisekise inombolo yakho.

Ukuba usuka kolunye uhlobo lwefowuni uya kwelinye kwaye awuzokuyigcina inombolo yakho, khuphela i-Ayoba kwifowuni entsha kwaye uqinisekise inombolo entsha yefowuni.

Ndilutshintsha njani ulwimi kwi-Ayoba?

Ukutshintsha ulwimi lwakho lwefoni:

I-Android: Yiya kwiisethingi zefowuni yakho > i-System > Ulwimi negalelo > iiLwimi. Cofa ukhethe ulwimi.

Ukuba usebenzisa ifowuni ye-Android, ungatshintsha ulwimi lwe-Ayoba ngaphakathi kwi-app. Ukwenza njalo vele ucofe imenyu uze ukhethe isethingi uze ucofe kwisigcini-mgangatho.

Ixabiso / Iindleko

Iindleko zokusebenzisa i-Ayoba

Yimalini ukuthumela umyalezo okanye ifayile yemidiya ku-Ayoba?

I-Ayoba isebenzisa uqhagamshelo lwe-intanethi kumnxeba wakho (4G/3G/2G/EDGE okanye iWi-Fi) ukuthumela nokufumana imiyalezo kubahlobo nefemeli. Iindleko zedatha ezisetyenziswayo ukuthumela nokufumana imiyalezo kuxhomekeka ukuba ubhalise kweziphi iinkozo zonxibelelwano. Kufuneka uqinisekise ukuba idatha yakho ayiphelanga. Kungenjalo, ungasebenzisa u-Ayoba xa uqhagamshele kwi-Wi-Fi, emahala.

I-Ayoba inxulumene ne-MTN, inkonzo yonxibelelwano ehamba phambili we-Afrika, ebonelela ngedatha ye-Ayoba yamahala kubaxhasi be-MTN (kuxhomekeke kwimigaqo-nkqubo yokusetyenziswa ngokufanelekileyo). Oku kuthetha ukuba abathengi be-MTN baya kukwazi ukuthumela nokufumana imiyalezo yombhalo, owesandi, ividiyo, imifanekiso kunye neefayile ngaphakathi kwe-app ye-Ayoba ngaphandle kokubhatala iindleko zedatha ezongezelelweyo.

* Ngexesha lokupromowutha

Yimalini ukufowuna usebenzisa i-Ayoba?

Unako ukufowuna kwi-app ye-Ayoba ukuya kwenye inombolo esebenzisa u-Ayoba. Xa ufowuna uzakuhlawulwa njengokuba uhlawula xa utsala umnxeba ngendlela eqhelekileyo kwaye isebenzise umoya wakho okanye imizuzu ekhoyo. Kubaluleke kakhulu ukuba wazi ukubaukufowuna kwi-app akuisebenzisi idatha ye-app kwaye akukho mahala.

Amaxabiso abasebenzisi abangekho kwi-Ayoba.

Ingaba ndidinga ukuba ne -app ka-Ayoba ukuthumela nokufumana imilayezo evela kubahlobo kunye nosapho abasebenzisa i-Ayoba?

I-Ayoba isebenza kakuhle xa uqhagamshelana nomnye umntu onayo i-Ayoba kwifowuni yakhe. Kodwa ke senze umzamo okhethekileyo wokubandakanya wonke umntu, kwaye ngokungafani nezinye ii-app zemiyalezo, ungancokola nabani na, akukhathaliseki noba banayo okanye abanayo i-app ye-Ayoba.

Imiyalezo ethunyelwe nge-Ayoba kuluhlu lwakho lwabaqhagamshelwa engenayo i-app ye-Ayoba, izakuthunyelwa kuluhlu lwakho lwabaqhagamshelwa njengemiyalezo yombhalo we-SMS, kwaye iza kubandakanya izixhumanisi zokujonga imifanekiso okanye iifayile kwibrawuza.

Kumazwe amaninzi, ubudlelwane bethu kunye ne-MTN buthetha ukuba, ukuba usebenzisa inkonzo ye-MTN, unokuphendula kwimiyalezo yakho esebenzisa iSMS kwaye uya kufumana impendulo ngokukodwa kwi-app yakho ye-Ayoba. Ubudlelwane bethu kunye ne-MTN buthetha ukuba zonke izimpendulo ze-SMS ziya kuthumeleka mahala.

Nangona kunjalo, ukuba awusebenzisi inkonzo yeye-MTN, uyakukwazi ukufumana imilayezo yakho esuka kwi-Ayoba ngeSMS, kodwa awuyikukwazi ukuphendula umyalezo owufumeneyo. Baza kwaziswa ngale mida. Isisombululo esilungileyo ngelixesha kukuba umnxibelelwano wakho ukhuphele i-app ye-Ayoba.

Zithini iindleko ukuba andinayo i-app ye-Ayoba kwisixhobo sam?

Ukuba ungumsebenzisi we-MTN kwaye awunayo i-app ye-Ayoba kwifowuni ungakwazi ukuphendula umyalezo we-SMS ovela kubasebenzisi be-Ayoba kwaye impendulo yakho ye-SMS iya kuba mahala.

Ukuba awungomsebenzisi we-MTN uza kufumana imiyalezo ye-Ayoba nge-SMS kodwa awuzi kukwazi ukuphendula.

Xhamla ulwazi olupheleleyo lwe-Ayoba ngokukhuphela i-app esuka kwi-Play Store okanye kwi-Ayoba.me/khuphela.

Idatha engasebenziyo enikezelwangexesha lokupromotha kunye nokusetyenziswa kwemigaqo-nkqubo ngokufanelekileyo kuyasebenza. Ukuba ungumsebenzisi we-MTN ungakhuphela i-Ayoba mahala, ngoku ngoku ku-Ayoba.me/khuphela. Okanye unokutyelela i-Google Play Store

Ukhuseleko

Ingaba kukhuselekile ukusebenzisa i-Ayoba?

Ukugcina i data yakho ikhuselekile kwaye siqinisekise ukuba ibucala , i-Ayoba isebenzise ubuchwepheshe ukuze ifezekise oku.. Lonto iqinisekisa ukuba umntu (okanye abantu) othetha naye uyakwaz ukuyifunda into ethunyelweyo. Akekho omnye umntu ongafunda imiyalezo yakho, nqu nabaqulunqibakwa Ayoba.

Siyathembisa ukuba asiyikunikezala ngeencukacha zakho kwabanye abantu singakhange sicele isuvumelwano kuwe.. Ungazilawula iisethingi zakho kwakule app nje ngokuya kunxibelelwano kwimenyu uze ucofe u-privacy. Sikwa cebisa ukuba uvule umgaqo-nkqubo we- privacy yethu ku Ayoba.me/termsandconditions.

Izixhobo zonxibelelwano ezilahlekileyo okanye ezibiweyo

Isixhobo sam sonxibelelwano silahlekile okanye sibiwe, yintoni ekufuneka ndiyenzile ngoku?  

  • Ukuba isixhobo sakho sonxibelelwano sakho silahlekile okanye sikhe sabiwa, singaku nceda ukukhusela i-akhawunti yakho ye-Ayoba ukuze ingasentyenziswa ngokungekho mthethweni. Sicela ulandele lemi yalelo ilandelayo inge zantsi.
  • Sikwa cebisa ukuba ufowunele inkonzo yakho yonxibelelwano ngoku khawuleza ukuze uvale i SIM card yakho ukuze ukhusele ukusetyenziswa kwesixhobo sonxibelelwano ngabanye abantu. Ngelixa ivaliwe i-sim card yakho ivaliwe, awuzokwazi ukuqunisekisa i-akhawunti yakho ye-Ayoba ngalo nombolo ,kuba kuzokufuneka ufumane unxibelelwano lwe-SMS ukuze uqinisekise ubhaliso

Zimbini indlela ezivumelekileyo:

  • Sebenzisa i SIM card entsha ekwanenombolo efanayo kunale ubunayo, oku kuzakucima i-Ayoba kwisixhobo ubunaso.. Le yeyona ndlela ekhawulezileyo ukucima i-akhawunti yakho kwisixhobo esibiweyo. I-Ayoba ukwazi ukuyisebenzisa kwisixhobo esinye ngexesha.
  • Nxulumana nathi kwa-Ayoba.me/help kwaye ugcwalise ifomu ukhethe umbhalo othi “silahlekile/sibiwe isixhobo sam. Ndicela nicime i-akhawuntiyam” kwaye ufake inombolo yakho kwi international format epheleleyo njengoko kuxeliweyo apha.

Qhaphela:

Kubalulekile ukuba ukhumbule ukuba nokuba i SIM card yakho ivaliwe, umntu angakwazi ukusebenzisa umxeba wakho kwakunye ne Ayoba app, esebenzisa inethiwekhi yeWI-FI. Iqela le-Ayoba alikwazi ukusuke licime i-Ayoba yakho ungalixelelanga.Sicebisa ukuba usitsalele umnxeba ukuze siyicime.

Ukhumbule ukuba iqela.le-Ayoba alikwazi ukubona indawo umxeba wakho okuyo. Mhlawumbi umxeba wakho unayo enyei app engakunceda ukwenza oko.

Ukuba ubukhe wenza i chat backup ngaphambili kokuba umnxeba wakho ulahleke , ungakwazi ukuphinda uyibuyisele imiyalezo yakho.

  • I backups zenziwa ngokuzenzekela qho ukuphela kweyure eziyi-24 hours, usebenziza unxibelelwano lwe inthanethi.
  • Abasebenzi abakwazi ukuqala okanye bacime inkqubo ye backup.  
  • Abasebenzi bangakwazi ukwenza, i backup entsha nje ngocofa u “Menu”>”Settings”>”Maintenance”>”Chat Backup”.
  • i-akhawunti nganye ine backup enye , xa usenza entsha, enye endala izakucimeka.
  • ibackups zibuyiselwa emveni kwenkqubo yokungena okanye yobhalisa! Kanye emveni kokuqinisekisai-OTP

Ukhuseleko lwakho

Ndinga luxela unxibelelwano ulungalunganga ?

Thina soloko sifuna ukuqinisekisa ukhuselo lwakho, sicela uxele naluphi na unxibelwano olungalunganga okanye indlela yokuziphatha kwi Ayoba.me/contact, kwaye ukhethe i “Report inappropriate content” option. Thina sizo kwenza uphando size silandele umgaqo ukuba kufuneka senze njalo.

Ukhumbule ukuba hleze singakwazi ukukhupha ingxelo ngeziphumo zophando nawe, kodwa qinisekisa ukuba sizithatha ngengqalelo ezingxelo.

Ndingamxela omnye umsebenzisi?

Thina sulukhathelele ukhuseleko lwabasebenzi bethu kwaye asiyamkeli indlela yokuziphatha engalungaga. Sicela uye ku Ayoba.me/contact, kwaye ukhethe uluhlu lwe “Report a user”. Sizoqhuba uphando kwaye sithathe inyathelo ukuba kunyanzelekile.

Ukhumbule ukuba hleze singakwazi ukukhupha ingxelo yophando nawe, kodwa qinisekisa ukuba sizazithathela ingqalelo iziphumo zophando

Ukuncokola Kwi-Ayoba

Ndingakwazi ukwabelana ngeenkcukhacha zabo ndiqhagamshelana nabo ndisebenzisa i-Ayoba?

Ewe ungakwazi! Sebenzisa + (incoko ye-icon entsha) ukuqalisa incoko entsha, emva koko ungacofa i-icon yokuncamathelisa, noku ungakhetha lowo ufuna ukuqhagamshelana naye, ngokulula nje, cofa kulowo ufuna ukuqhagamshelana naye ukwazi ukwabelana.

Ndingakwazi ukuthumela imifanekiso ndisebenzisa i-Ayoba?

Yabenala ngemifanekiso oyithanda kunene oyithathe ngokwakho kunye neefoto ngokulula usebenzisa i-Ayoba. Sebenzisa + (incoko ye-icon enthsa) ukuqala incoko entsha, emva koko ungacofa i-icon yokuncamathelisa, wandule ukuya apho kuGcineka khona imifanekiso ukukhetha kwelo thala lemifanekiso. Ungakwazi nokucofa iKhamera ukwazi ukuzifota ukuze wabelane kwangoko.

Ndingakwazi ukwabelana ngendawo endikuyo ndisebenzisa i-Ayoba?

Yabenalana ngendawo okuyo kunye nabo uqhagamshelana nabo ngokulula ngokuthi ucofe + (incoko ye-icon entsha) ukuqala incoko entsha, emva koko ucofa i-icon yokuncamathelisa wandule ukhethe loo ndawo ukuyo.

Ndingakwazi ukuthumela umyalezo owenziwe ngelizwi?

Ungakwazi ukuthimela umyalezo omfutshane owenziwe ngelizwi komnye osebenzisa i-Ayoba ngokulula ngokuthi ucofe i-icon yoMboko kwikona esezantsi ngasekunene kwi-screen sencoko yakho. Ungakwazi kananjalo ukwenza umyalezo omtsha wencoko ngokusebenzisa + (incoko ye-icon entsha) emva koko ucofe i-icon yokuncamathelisa wandule ukukhetha i-Audio, cofa i-icon yoMboko wandule ukushicilela umyalezo wakho.

Ndidinga ukuthumela ifayili okanye uxwebhu, ndingayisebenzisa Ayoba?

Thumela ifayili ngokucofa + (incoko ye-icon entsha) ukuqala incoko entsha, emva koko ucofe i-icon yokuncamathelisa wandule ukhethe iFayili. Ngoku khangela emnxebeni wakho ophathwayo, khetha ifayile wandule wabelane nabo uqhagamshelana nawon.

Ndiyiphendula njani imiyalezo?

Cofa kuloo myalezo ufuna ukuwubona. Ukuphendula, ngokulula cofa u-bar ukuqalisa ukubhala ezantsi kwi-screen emva koko ubhale impendulo yakho wandule ukuyithumela. Kulula nje olohlobo.

Ndingakwazi ukwabelana okanye ndigqithisele imiyalezo kwabo ndiqhagamshelana nabo ku-Ayoba?

Ungakwazi ukugqithisela imiyalazo, iifayili ze-audio, imifanekiso kwakunye nabantu bokuqhagamshelana ngokuthi ucofe kwaye ungayeki kumyalezo ongathanda ukuba uwugqithisele, emva koko ucofe isikhombisi esiphezulu kwikona angasekunene kwi-screen sakho, wandule ukukhetha lowo uqhagamshelana nawe ongathanda ukwabelana naye umyalezo emva koko uwuthumele. Ingxelo iza kuthi ibenephawuli elithi “IGqithisiwe”. Kananjalo uza kufumana isaziso esixelayo ukuba umyalezo lowo sele ugqithisiwe.

Ndiyicima njani imiyalezo emidala okanye leyo ndingasayifuniyo?

Ngokulula nje cofa ungayeki kumyalezo okwincoko kwi-screen, wandule ukhethe i-icon ethi oko kungasafinwayo phezulu kwi-screen ekugqibeleni wandule ukuvumelana noko ukukhethileyo.

Ndingakwazi ukuba iincoko zam ndizise kuluhlu lovimba wokugcina?

Hayi, i-Ayoba akanayo indlela yokusa iincoko zakho ukuba zibe kuluhlu lovimba wokugcina (okwalomzuzu). Ukuba ufuna ukususa incoko kuluhlu lweencoko zakho, ungakwenza oko ngokuyicima, nangoku uyicima unomphelo kwaye zwuzukwazi ukuphinda uyifumane emva kwethutyana.

Ndingakwazi ukulungelelanisa iincoko zam ngeendlela ezahlukeneyo?

Incoko zakho kusoloko zilungelelaniswa kulandelwa ezo zisandula kufika,ezo ncoko zibonakala ziphezulu kuluhlu, Awunakukwazi ukuyitshintsha le ndlela yokulungelelanisa kwi-Ayoba (okwalomzuzu).

Ndizicima njani iincoko?

Kwintloko ye-screen se-Ayoba, cofa ungayeki kwincoko ofuna ukuyicima, emva koko ukhethe i-icon yoko kungafunwayo phezulu kwi-screen, wandule ukuvumela oko uthe wakukhetha.

Ndiyenza njani incoko yeqela emva koko ndimeme abo ndiqhagamshelana nabo?

Cofa iqosha elithi incoko entsha + ukhethe IQELA ELITSHA, emva koko ufake abo ufuna ukuqhagamshelana nabo ukuba babeyinxalenye yencoko yeqela lakho. Ngoku into ongayenza kukuqalisa ukuncokola.

Ukuba ndifuna ukuphuma kwincoko yeqela?

Ungakwazi ukuphuma kwincoko yeqela nangaliphi na exesha ngokulula ngokuthi ucofe i-icon yencoko yeqela phezulu kwi-screen sencoko emva koko ukhethe iqhosha elithi PHUMA KWIQELA wandule ukuvumela oko uthe wakukhetha.

Ukuba ndifuna ukucima incoko yeqela?

Ukucima incoko yeqela ungakwazi ngokulula ngokucofa ungayeki kwincoko yeqela kwintloko ye-screen, wandule ukhethe icon yoko kungasafunwayo emva koko uvumelane noko ukukhethileyo. Kananjalo ungakhetha ukuphuma kwiqela kwa ngeli thuba.

Ukuba uthe wayicima incoko yeqela, uza kuthi ucime imiyalezo yakho yodwa ekwisixhobo sakho kwaye awuzuyicima incoko yamanye amalungu yeli qela.

Wenza ntoni kanye kanye uMnini weQela?

Umnini qela angakwazi ukwenza iqela, afake kwaye acime amalungu.

Ndingakwazi ukwenza omnye umntu uMnini weQela?

Ulawulo alunakunikezelwa komnye umntu.

Singakwazi ukuba nabanini beQela abaninzi?

Awukwazi ukuba nabantu abaninzi njengabanini beqela.

Ndithe ndafakwa kwiqela, ndingakwazi ukubona incoko yangaphambili?

Ukuba uthe wafakwa eqeleni, awuzukwazi ukuba ubone imiyalezo okanye incoko yangaphambili ungekalijoni iqela elo.

Ukuba ndidinga ukubuyisela imbali yam yencoko?

Uncediso oluzenzekelayo luthi lwenzeke rhoqo emba kweeyure eziyi-24, oko kuthi kwenzeke xa kukho uqhagamshelwano lwe-intanethi. Awuzukwazi ukuba uyenze okanye uyicimise le nkqubo yoncediso oluzenzekelayo.

Uza kuthi ukwazi ukuba unyanzelise uncediso oluzenzekelayo ngokuthi ucofe i-Menyu bar, ukhethe Useto, wandule uye kulondoloza emva koko Incoko Yoncediso Oluzenzekelayo. Le nto iza kukhusela iincoko zakho ngokuncediswa luncediso oluzenzekelayo ingene kwi-cloud wandule uvumele ukubuyiselwa kwembali ncoko ukuba oko kuyadingeka.

Ungayibuyisela Incoko ngoNcediso oluzenzekelayo ngokuthi ucofe iqhosha u-menyu, wandule ukhethe uSeto, emva koko ucofe Ukulondoloza wandule ukhethe Incoko Yoncediso Oluzenzekelayo, wandule ukwenza ubuyiselo.

Qaphela ukuba uncediso oluzenzekelayo alugcinwanga kwisixhobo sakho ngokupheleleyo kwaye uzakudinga ukuba ufumane i-intanethi ukwenza uncediso oluzenzekelayo.

Ndingakwazi ukuba ndenze Ukhuphelo Oluzenzekelayo luthumele ifayili kum?

Inqaku loKhuphelo Oluzenzekelayo LUCINYWE ngamabom. Ukuba ufuna ukwenza ukhuphelo oluzenzekelayo lwemifanekiso neevidiyo ozifumene kwi-Ayoba, ungakwazi ukuba UVULE Ukhuphelo Oluzenzekelayo. Ungathi uvumele inqaku Lokhuphelo Olunzenzekelayo ngokukhetha intloko ye-menu, wandule ukucofa u-Media emva koko ulungiselele ukwenza ukhuphelo olunzenzekelayo ukulandela izidingo zakho. Sicebisa ukuba uhlale uyicimile ingakumbi ukuba une-data enganelanga.

Ukuncokola nabo bangayisebenzisiyo i-Ayoba

Ndingakwazi ukuncokola nabantu abangenayo i-Ayoba App?

Ungakwazi ukuthumela imiyalezo usebenzisa i-Ayoba nakubani na, nokuba abanayo app kwizixhobo zonxibelelwano. Imiyalezo ethunyelwe ebantwini abangekabinayo i-Ayoba kwaye bengekabhalisi i-SMS iza kufunyanwa njengemiyalezo ebhaliweyo kwaye iza kuquka ikhonkco lokuba ubone iifayile nezinye ingxelo ukuba ziyafumaneka.

Sithe sabambisana ne-MTN, oko kuthetha ukuba abasebenzisi be-MTN baza kukwazi ukuphendula imiyalezo ye-Ayoba SMS besebenzisa i-SMS, simahla, nokuba abanayo i-Ayoba app ifakiwe kwisixhobo sabo sokunxibelelana. Abo bangayisebenzisiyo MTN baza ukuyifumana imiyalezo evela Ayoba njengomyalezo obhaliweyo nge-SMS, kodwa bangakwazi ukuphendula. Sicebisa ukuba abangasebenzisi MTN bakhuphele i-app simahla ku Ayoba.me/download okanye bayifumane ku Google Play Store.

Ndingakwazi ukufaka abaqhagamshelwa, nokuba abasyisebenzisi Ayoba?

Xa usenza incoko entsha, cofa u-menyu phezulu kwikona engasekunene. Emva koko uvumele Ukubonisa i-SMS yabaqhagamshelwa. Ngoku uza kutsho ukwazi ukubona bonke abo uqhagamshelana nabo, ukuquka nabo bangayisebenzisiyo i-Ayoba App.

Ukuba enye yabo uqhagamshelana nabo ukhuphela i-Ayoba app kwaye abhalise ngenombolo yakhe yomnxeba ekuluhlu labo uqhagamshelana nabo usebenzisa i-app, i-Ayoba app izakuthi ihlaziye isimo sabo abakuso ngokwayo ukubonakalisa ukuba bangakwazi ukuba bangabasebenzisi be Ayoba isigxina.

Ndingakwazi ukuthumela imifanekiso neefayili kubaqhagamshelwa abangekayikhupheli i-Ayoba app?

Ungakwazi ukuthumela imifanekiso, iividiyo kunye namakhonkco kubaqhagamshelwa abangekayikhupheli i-Ayoba app. Aba baqhagamshelwa bazakufumana isaziso ngeSMS eza kuthi iquke ikhonkco eliza kubonakalisa ingxelo. Qaphela ukuba ukubuka kwaye/ okanye nokukhuphela ingxelo ingathi ityabule intlawulo yedata kumniki nkonzo we-network.

Ndifumene umyalezo we-Ayoba, kodwa andinayo i-app. Ndingakwazi ukubuka umyalezo?

Ungakwazi ukubona imiyalezo neefayili ezithunyelwe ngumntu osebenzisa i-Ayoba, nokuba abakayikhupheli i-app ye-Ayoba esimahla. Sithe sabambisana ne-MTN, oko kuthetha ukuba abasebenzisi be-MTN baza kukwazi ukuphendula imiyalezo ye-Ayoba SMS besebenzisa i-SMS, simahla, nokuba ayikafakwa i-Ayoba kwisixhobo sabo sokunxibelelana. Abo bangayisebenzisiyo i-MTN baza kukwazi ukuyifumana imiyalezo evela kwi-Ayoba njenge SMS, kodwa bangakwazi ukuphendula. Sicebisa ukuba abangasebenzisi i-MTN bakhuphele simahla i-Ayoba app simahla ku Ayoba.me/download okanye ku Google Play Store.

Ukulawula Unxibelelwano

Ndimfaka njani umntu endifuna ukunxibelelana naye?

Ngokulula nje faka umntu ofuna ukunxibelelana naye kumnxeba wakho ophathwayo. Emva kokuba uthe wafaka umntu omtsha oza kunxibelelana naye ungayivula i-Ayoba app, cofa iqhosha elibonakalisa umyalezo omtsha + kwaye ukhethe umnxeba wokunxulumana nalowo ufuna ukuncokola naye.  

I-Ayoba app iza kuzibonela ngokunokwayo ukuba lowo unxulumana naye ingaba sele enayo kwaye uyibhalisile na inombolo yakhe yomnxeba kwi-Ayoba. Ukuba akunjalo, baza kubonakala njengabo unxibelelana nabo besebenzisa i-Ayoba SMS.

Ndimcima njani lowo ndingafuniyo ukunxibelelana naye?

Ungamcima lowo ungasafuniyo ukunxibelelana naye ngendlela yesiqhelo, oku ungakwenza ngokuvula i-application yabo onxibelelana nabo kumnxeba wakho ophathwayo. Vula uluhlu lwabantu onxibelelana nabo kumnxeba wakho ophathwayo, cofa igama lalo mntu emva koko ucofe iqhosa u-menyu elisentla ngasekunene ekoneni. Khetha ucima, wandule ukumelana noko uthe wakukhetha.  

Ndimbhlokha njani lowo ndinxibelelana nawe?

Ungakwazi ukubhlokha lowo unxibelelana naye kwi-Ayoba ngokulula ngokuthi uvule incoko yenu wandule ucofe iicon yemenyu ephezulu ngasekunene ekoneni. Khetha ubhlokha, emva koko uvumelane nesenzo sakho. Ukugqiba kwakho Bhlokha lowo ubusaya kunxulumana naye sokuze uphinde ufumane miyalezo, zingxelo zalowo kwaye sokuze akwazi ukubona imeko yakho okuyo. Uza kukwazi ukubona lowounxulumana nawe kuluhlu lwabo uqhagamshelana nabo, kodwa iza kube ino phawu elithi “Blocked”. Ukuba unqwenela ukufumana nokuthumela imiyalezo esuka kulowo ubuthe wambhlokha kuza kunyanzeleka ukuba um unbhlokhe lowo unxulumana naye.

Sifuna ukuqinisekisa ngokhuseleko lwakho ngalo lonke ixesha, ngoku nceda uxele nayiphi na ingxelo okanye indlela yokuziphatha engekho semthethweni ku- Ayoba.mna/qhagamshelana okanye uyigqithisele kuthi <icandelo lesitshixo FAQ> apha.

Ndim-unbhlokha njani lowo ndinxibelelana naye bendikhe ndam-bhlokha?

Ungakwazi unbhlokha lowo unxibelelana naye ubukhe wam blokha ngaphambili ngokuthi wenze incoko entsha ngokusebenzisa i- + icon, khetha lo mntu ufuna unxibelelana naye, sebenzisa imenyu ucofe unbhlokha kwiqhosha eliphezulu ngasekunene ekoneni, emva koko uvumelane nesenzo sakho. Ngoku uza kutsho ukwazi ukukhe uncokole naye lowo ungowabanye onxulumana nabo, lowo unxulumana nawe naye uza kutsho akwazi ukuthumela imiyalezo emitsha akwazi nokuphendula imiyalezo abone kananjalo isimo sakho okuso.

Ndiwutsala njani umnxeba ndisebenzisa i-Ayoba?

Ungakwazi ukutsala umnxeba usebenzisa i-Ayoba app utsalela abo unxulumana nabo abaku Ayoba. Umnxeba uza kuthi uxabise iqondo eliqingqiweyo leminxeba etsalwayo kwaye isebenzisa i-airtime okanye imizuzu ekhoyo. Okubalulekileyo, ukutsala umnxeba usebenzisa i-app akusebenzisi data kwaye akukho simahla. Ukutsala umnxeba usebenzisa i-Ayoba, cofa + (incoko ye-icon entsha) emva koko wandule ucofe i-icon ebonakalisa umnxeba ukuze ukwazi ukutsala umnxeba.