Izizathu ezi-10 zokusebenzisa i-Ayoba:

Isetyenziswa Mahala

I-Ayoba isetyenziswa mahala. Udinga i-data ukhuthumela umyalezo kunye nee-fayile kubantu onxibelelana nabo, kodwa eminye iminatha yonxebelelwano (umzekelo MTN) ingayinikezela mahala i-data.

Ukwabelana Kukukhathala

Yabelana ngee-vidiyo, imifanekiso, umyalezo owenziwe ngelizwi kunye nezinye ii-fayile nabantu othi unxibelelane nabo.

Nxulumana Ngokhawuleza

Sebenzisa iiknkcukacha zencwadi yedilesi esele zikhona ukunxulumana lula nangokukhawuleza kunye nabantu othi unxilelelane nabo.

Iminxeba

Tsala iminxeba usebenzisa unxibelelwano le lizwi ukwasebenzisa le app.

Ncokola Ngoku

Thumela ufumane imiyalezo ngawo lo mzuzu kwaye wenze imiyalezo ngelizwi kunye nawuphi na umntu onxibelelana naye.

Kukhuselekile

Imbalelwano ezivela macala kuthetha ukuba imiyalezo yencoko ayinakukwazi ukuba ifundwe nangubani na.

Ncokola Naye Wonke Ubani

Thumela i-SMS kuye wonke umntu okuluhlu lwabantu onxibelelana nabo. akukhathaliseki ukuba sele beyifakile le iAyoba okanye hayi.

Masidibane

Yabelana nendawo okuyo ngelo xesha kunye nabantu onxibelelana nabo kwi-Ayoba.

Incoko Yeqela

Xa nibaninzi kuthi konwabeke! Yenza iqela lokuba ukwazi ukuncokola ngokulula kunye nezihlobo nezalamane kwiqonga elinye.

Ukuthumela Imali

Thumela kwaye ufumane imali usebenzisa umnxeba (iyeza kungekudala)

Ulwazi malunga nathi

Ayoba yi-app emahala yokuthumela imiyalezo ngokukhawulezayo,

yenziwe ngama-Afrika isenzelwa ama-Afrika.

Izwekazi i-Afrika liyimbumba nje, ikwalikhaya kumakhulu-khulu eenkcubeko ezikhethekileyo. Sibhiyozela ezi ndidi zininzi zama-Afrika ngokuthi sinikezele ngeqonga lokunxibelelana ngemiyalezo elikumgangatho wehlabathi elithi likhawulelane nezidingo zabantu ekuhlaleni namabhongo wabo.

Kwasekuqaleni, iAyoba yathi yabandakanya iimbalelweno ezivela macala ezithande ukuba zezo kungelula ukuzixhaphaza ukuze kugcineke i-data yabasebenzisi ikhuselekile, kwaye iyimfihlo. Oku kuthetha ukuba le miyalezo ikwincoko ayinakukwazi ukuba ifundwe nangomnye umntu, ukuquka kwa abo basebenzela iAyoba.

Indlela esithi sikhawulelane naye nabani na kwiteknoloji ithetha ukuba abasebenzisi be Ayoba bangakwazi ukunxulumana naye wonke umntu onomnxeba ophathwayo, nokuba abakabinayo i-Ayoba app.

Okwangoku, i-Ayoba iyafumaneka ukuba isetyenziswe nangubani na onomxeba ophathwayo Android (inkxaso yawo nawaphi na amaqonga nezinye izixhobo iyeza kungekudala). Ukongeza, sinentsebenziswano ehlelwe ngobuchule kunye no-MTN, nto leyo ethetha ukuba  singakwazi ukunikezela i-Ayoba nge-data emahala* kubo bonke abo bayinxalenye ne-MTN xa bethumela imiyalezo, imifanekiso, iividiyo nezinye iindidi zoqhagamshelwano kunye nabo bantu banxulumana nabo. Ukongeza, naziphi na iimpendulo zemiyalezo eziya kwi-Ayoba nazo ziza kuba mahala* kwabo bayinxalenye ka-MTN, akukhathaliseku nokuba bayayisebenzisa na i-app.

Okulandelayo ngokubhekisele ne-Ayoba

Sinothotho lwezinto ezintsha ezinikisa umdla ezisihlelileyo kwiinyanga ezimbalwa ezizayo njengoko sikhulisa inkonzo yethu kwi-Afrika iphela. Oku kuquka ukukwazi ukuthumela nokufumana imali usebenzisa i-Ayoba, kwabo base-Afrika, besebenzisa Mobile Money.