Qala / Ukuqala
Inkxaso
Ukuba ufuna uncedo okanye ufuna ukuqhagamshelana neqela le-Ayoba, nceda uye ku Ayoba.me/contact
Ndiyifumana phi?
Ndingayifumana njani i-Ayoba?
- Ayoba.me/download – (i-datha imahala ); okanye
Unokutyelela i i-website ye-Ayoba ufumane i-app nangeliphi ixesha. Ukuba ungumsebenzisi we-MTN uyakuyifunama i-Ayoba mahala, ngaphandle kokusebenzisa i-datha yakho.
- iGoogle Play Store
Ungayifunama i-Ayoba kwi-Google Play Store. vula i-Play Store, khangela i-Ayoba ukuze uqale ukusebenzisa i-Ayoba.
Ndiyifumana njani i-Ayoba?
Ayoba ingahlaziywa ku-Google Play okanye,
I-Ayoba App okwangoku ifumaneka kuphela kwiifowuni ze-Android (ezinye iinguqu ziza kubakho kungekudala!). Ukuhlaziya, iya kwi-Google Play Store, uze ucofe Imenyu> Iiapp zam kunye nemidlalo. Cofa u-UPDATE kufuphi ne-Ayoba! Imiyalezo ethumeleka ngokukhawuleza mahala.
Ngenye indlela, yiya ku-Play Store uze ukhangele i-Ayoba. Cofa u-UPDATE phantsi kwe-Ayoba! Imiyalezo ethumeleka ngokukhawuleza mahala.
Kwi website ye-Ayoba
Unokuhlaziya kwakhona i-app yakho ye-Ayoba kwi website yethu, tyelela u-Ayoba.me/download
Ndingayifaka kwakhona njani i-Ayoba?
Ukuze ufake kwakhona i-Ayoba, kufuneka uqale uyidilithe kwifowuni yakho. Ngaphambi kokuba wenze njalo, sicebisa ukuba ugcine iingxoxo zakho. Cofa nje kwiqhosha lemenyu, uze ukhethe isethingi, uze ucofe kwisigcino-mgangatho ukhethe i-Backup Chat.
Oku kuza kuzakugcina iingxoxo zakho kwi-Cloud, kwaye kukuvumela ukuba ubuyisele imbali yakho yengxoxo xa kufuneka. Qaphela ukuba iifayile zakho ezigciniweyo azigcinwa kwindawo yakho kumxeba yakho, kwaye ngoko uya kufuna ukufikelela kwi-inthanethi ukwenza i-backup.
Nceda ulandele ezizitepu ukucima nokubuyisela i-Ayoba
Ukhetho 1:
- Cofa kwaye ubambe uphawu lwe-Ayoba kwiSkrini saseKhaya de iifayile ziqale ukushukuma
- Cofa uX ekoneni kuphawu lwe-Ayoba
- Cofa ucime ukususa isicelo kunye nayo yonke idatha yayo
- Cinezela iqhosha lasekhaya
- Phinda ufumane i-Ayoba ku-Google Play Store.
- Buyisela incoko zakho ezigciniweyo ngokucofa iqhosha le menu, ukhethe isethingi, uze ucofe kwisigcini-mgangatho ukuze ukhethe I-Backup Chat, kwaye ubuyisele.
- Unokundwendwela kwi-website ye-Ayoba ukukhuphela i-app uyibuyisele nanini. Ukuba ungumsebenzisi we-MTN uyakwazi ukukhuphela i-Ayoba mahala*, ngaphandle kokusebenzisa i-datha yakho.
*Ngethuba lokunyusela
Ukhetho 2:
- Cofa kwaye ubambe uphawu lwe-Ayoba kwiskrini saseKhaya ude ubone umgqomo okanye indawo yokulahla
- Khetha ukukhupha ukuqinisekisa ukucinywa nokususwa kwesicelo kunye nayo yonke idatha yayo
- Cinezela iqhosha lasekhaya
- Phinda ufumane i-Ayoba ku-Google Play Store.
- Buyisela incoko zakho ezigciniweyo ngokucofa iqhosha le menu, ukhethe isethingi, uze ucofe kwisigcini-mgangatho ukuze ukhethe I-Backup Chat, kwaye ubuyisele.
- Unokundwendwela kwi-website ye-Ayoba ufuname i-app nanini. Ukuba ungumsebenzisi we-MTN uyakwazi ukukhuphela i-Ayoba mahala*, ngaphandle kokusebenzisa i-datha yakho
*Ngethuba lokunyusela
Ukuqinisekiswa
Ndingayiqinisekisa njani inombolo yam?
Emva kokukhuphela i-app,vula kwaye ulandele ezistepu:
- Faka igama lakho elipheleleyo
- Khetha ilizwe lakho kuluhlu oluhlayo. Oku kuza uzalisa ngokuzenzekelayo ikhowudi yelizwe lakho yenombolo yomnxeba
- Faka inombolo yakho yomnxeba kwibhokisi engezantsi
- Cofa uqinisekisa ukuba ucele ikhowudi
- Faka ikhowudi engamanani ayi-6 oyifumana ngeSMS
Andikhange ndifumane ikhowudi enamanani ayi-6 nge-SMS
- Lindela ixesha lokubala uze ukhethe Thumela i-SMS kwakhona.
- Musa ukuqashisa ikhowudi, okanye uya kukhutshwa kwi-akhawunti yakho ixesha elide. Lo mqathango ngowokukhusela i-akhawunti yakho ukuba ingangenwa ngomnye umntu.
Ukuba uyaqhubeka ukusokola, nceda uzame okulandelayo:
- Qala ngokutsha ifowuni yakho (Ukuqalisa kwakhona ifowuni yakho, yicime, ulinde imizuzwana engama-30, kwaye uphinde uyivule).
- Cima uphinde ubuyisele ushicelelo olutsha luka-Ayoba.
Ingaba ndingasebenzisa i-Ayoba kwizixhobo ezimbini?
I-akhawunti yakho ye-Ayoba ingaqinisekiswa ngenombolo enye kwisixhobo esinye. Ukuba unefowuni engena iSIM khadi ezimbini, nceda uqaphele ukuba ukukhetha enye inombolo ukuba uqinisekise kwi-Ayoba. Akukho khetho lokuba ne-akhawunti ye-Ayoba ngeenombolo ezimbini zomnxeba.
Ingaba kufuneka ndibhalise kwakhona xa ndibuyisela le-app?
Hayi. Konke okufuneka ukwenze kukukhuphela i-Ayoba kwi-Google Play Store kwakhona okanye ukusuka ku-Ayoba.me/download. Faka igama lakho, ukhethe ilizwe lakho kwimenyu ehlayo, faka inombolo yakho yomnxeba uze ukhethe ukuqinisekisa.
Qaphela: ukuba wakhe wagcina imbali yengxoxo yakho ngaphambili ngaphambi kokuba ususe i-app kwaye uyifake kwakhona, imbali yakho yengxoxo iza kubuyiselwa ngokuzenzekelayo.